{"product_id":"2940154551820","title":"Iintshumayelo Zamazwi Asixhenxe Kunye Nentshumayelo Yovuko (Amazwi Asixhenxe Angumnqamlezo)","description":"\u003cp\u003eIgama lombhali ngu-Reuben Velile Cwele. Wafunda e-Deepdale J.S. School ngexesha lenqununu engu Mnu. Maxwell Mandla Zililo. Ikhaya likwilali yase Deepdale, kwisiThili sase Harry Gwala, KwaZulu Natal. Waphumelela ibanga leshumi e-Phindavele High School ngonyaka ka-1987. Wafunda izifundo zakwaLizwi, waziphumelela ngonyaka ka1992. Ngomhla we-10\/01\/1993 watshata no-Nombuso Princess Manci. Ngomhla wama-23\/05\/1993 wagcotywa njengomfundisi wakwaLizwi.\u003c\/p\u003e\u003cp\u003eKUNGANI LENCWADI IBALULEKE KANGAKA?\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e1.Okokuqala inkcazelo yayo ivela kwiBhayibhile yesi-Grike ekuyiyona nkcazo yeBhayibhile, kuba i-Testamente entsha yabhalwa ngolwimi lwesi-Grike.\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e2.Okwesibini ilungiselelwe ngendlela enocwangciso khon'ukuze ilandeleke ibe nokuqondwa ngabafundi bayo.\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e3.Iincwadi ezisetyenzisiweyo ngumbhali zibonisa uphando-nzulu alwenzileyo ukuze le ncwadi ibe kwinqanaba eliphakemeyo.\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e4.Kwisiphelo sentshumayelo nganye uyibonisile injongo yakhe umbhali, yokuyiqukumbela ngesifundo okanye ngombuzo onokuzibhenca tanci intshumayelo yakhe.\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e5.Le ncwadi isinika impendulo yokuthi kwakutheni u-Pilato abhale ngeelwimi ezintathu ukuthi, \"UYesu ikumkani yamaYuda.\"\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e6.Iphinda inike impendulo yokuthi kwakutheni i-Testamente entsha ibhalwe ngolwimi lwesi-Grike, olungelulo ulwimi lwama-Yuda.\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e7.Njengoko umbhali ethandazile kakhulu kuThixo ngexesha ebhala le ncwadi, abafundi bayo bazophila emoyeni, bavuseleleke.\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e8.Le ncwadi ifundisa nzulu ngokwakhiwa nokulungiselelwa kwentshumayelo.\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e9.Abafundi bale ncwadi bazoba nolwazi olunzulu ngenkcazelo yeBhayibhile, kuba amagama amabhada njengoba iBhayibhile ingawaxelanga nje, le ncwadi iwabiza ngamagama asemakhayeni awo. Wakuba uyifundile le ncwadi uzoba nesiseko somlando we-Testamente entsha.\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e10.Umbhali uyakwethembisa ukuthi uzoyifumana ngaphakathi into ayithethayo la mazwi athi; “Amazwi asixhenxe angumnqamlezo.”\u003c\/p\u003e\u003cp\u003e11.Lencwadi iyawuphakamisa umsebenzi woomama, ibaveza bezizethenjwa zika Kristu ekuhanjisweni komyalezo wovuko. Kuba boomama abantu abaqala ukushumayela uYesu Kristu evukile ekufeni.\u003c\/p\u003e","brand":"Reuben Velile Cwele","offers":[{"title":"Default Title","offer_id":47122821841136,"sku":"2940154551820","price":7.99,"currency_code":"USD","in_stock":true}],"thumbnail_url":"\/\/cdn.shopify.com\/s\/files\/1\/0737\/7593\/9824\/files\/2940154551820_p0.jpg?v=1764070509","url":"https:\/\/shop-qa.barnesandnoble.com\/products\/2940154551820","provider":"Barnes \u0026 Noble (DEV)","version":"1.0","type":"link"}