{"product_id":"9780795703645","title":"Ukuvuka Kwam Ekufeni","description":"NgoLwesithathu, umhla wokuqala kuOktobha 2003, ityendyana lomfana elalinxibe ibhatyana eluhlaza enkone ligazi lalilele kufutshane nebhulorho kaloliwe eGermiston, lisifa. Igazi lalo lalinkcenkceza ngokomjelo ukunqumla indlela, amathemba ephelile. Umzimba wawudlaka-dlaka ziimbumbulu – iimbumbulu ezintlanu umdubuli awazikhulula ekufutshane kakhulu kuye. Zazibumkarha iingqondo ngexesha lizama ukumisa izithuthi ezidlulayo, kodwa zange kubekho nasinye esaba nenceba. Zazidlula zonke zizizipheke-pheke, zimshiya loo mfana esopha enjalo. NdinguThembelani Ngenelwa. Yayindim lowo. Eli libali lokwenzekayo.","brand":"Kwela","offers":[{"title":"Default Title","offer_id":47078075498736,"sku":"9780795703645","price":13.52,"currency_code":"USD","in_stock":true}],"thumbnail_url":"\/\/cdn.shopify.com\/s\/files\/1\/0737\/7593\/9824\/files\/9780795703645_p0.jpg?v=1763729219","url":"https:\/\/shop-qa.barnesandnoble.com\/products\/9780795703645","provider":"Barnes \u0026 Noble (DEV)","version":"1.0","type":"link"}